Numbers 21:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Basuka bateta abantu ngakuye utixo nangakuye u‐Mosesi, bati: Kunganina lento nisinyusileyo e‐Jipete ukuza kufa kulentlango? ngokuba kungeko isonka, kungeko namanzi; uti umpefumlo wetu usitiye esisonka silikapukapu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathetha abantu ngoThixo nangoMoses, bathi, Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, size kufela entlango? Ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlo wethu ukruqukile sesi sonka sinkatshunkatshu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathetha abantu kakubi ngoThixo nangoMoses, bathi, Nisikhuphe eYiputa, ukuze sifele entlango apha? ngokuba kungekho sonka namanzi; esi sonka sikhaphukhaphu yasicekisa umphefumlo wethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
aza amkhalazela uThixo ndawonye noMosis, athi: “Kwakutheni kakade ukuze usikhuphe eJiputa, sizokufela kule ntlango? Akukho kutya namanzi apha! Okokwayo ke yona le nkatshu-nkatshu isikruqule!”