Numbers 21:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako abantu beza ku‐Mosesi, bati: Sonile, ngokuba sitetile ngakuyehova nangakuwe; tandaza kuyehova, ukuba asuse kuti ezinyoka. Waza u‐Mosesi wabatandazela abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza abantu kuMoses, bathi, Sonile, ngokuba sithethe ngoYehova nangawe; thandaza kuYehova, azisuse kuthi iinyoka ezo. Wabathandazela ke uMoses abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza abantu kuMoses, bathi, Sonile, ngokuba sithethe kakubi ngoYehova nangawe; thandazani kuYehova ukuba azisuse kuthi ezi nyoka. Wabathandazela ke uMoses abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli ke athi akuqonda ukuba enze imposiso, aya kuMosis, avuma athi: “Sonile ngokukrokrela uNdikhoyo ndawonye nawe. Khawusitarhuzisele, uNdikhoyo azisuse ezi nyoka.” Ngoko ke uMosis wawathandazela amaSirayeli.