Numbers 21:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Yenza inyoka ebumliloṙa, umise yona pezu kwesibonda eside; kwakuya kuti, osukuba elunyiwe, akuyibonela, wopila.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Zenzele inyoka enobuhlungu, uyixhome esibondeni eside; kothi, bonke abobalunyiweyo, bakukhangela kuyo, baphile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Zenzele inyoka eshushu, uyixhome emthini; yaye lowo ulunyiweyo uya kuphila, ukuba uthe wakukhangela kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo ke wathi kuMosis: “Yenza umfanekiso wenyoka, uwuxhome esibondeni, khon' ukuze athi nabani na olunywe yinyoka akhangele kuyo, aphile.”