Numbers 21:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Mosesi wenza inyoka yexina, wayimisa pezu kwesibonda eside; kwaye kute, nxa inyoka ilumile umntu, waza wakangela enyokeni yexina, wapila ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza ke uMoses inyoka yobhedu, wayixhoma esibondeni eside;kwathi, yakuba ithe inyoka yamluma umntu, waza wabheka enyokeni yobhedu, waphila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoses wenza inyoka yobhedu, wayixhoma esibondeni, yaye xa inyoka leyo yayiluma umntu, wayephila xa ebona inyoka yobhedu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenene ke uMosis wayenza inyoka ngobhedu, wayixhoma esibondeni. Nabani na ke olunywe yinyoka wayekhangela apho kuloo nyoka yobhedu, atsho aphile.