Numbers 22:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye utixo esiza ku‐Bilame ebusuku, wati kuye: Ukuba amadoda lawo eze kukubiza, suka, uhambe nawo; kodwa noko, lonto endiya kuyiteta kuwe, yiyo uya kuyenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika uThixo kuBhileham ebusuku, wathi kuye, Ukuba la madoda afike kuwe eza kukubiza, suka uhambe nawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze wenze lona lodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika uThixo kuBhileham ebusuku, wathi kuye, Akufika la madoda eza kukubiza, suka uhambe nawo; kodwa nangona kunjalo, ilizwi endiya kukuxelela lona, kufuneka ulenze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngobo busuku uThixo wafika kuBhalam, wathi: “Njengoko la madoda eze kukulanda nje, lungisa uhambe nawo. Kambe ke uze wenze loo nto ndikuxelela yona.”