Numbers 22:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waselesuka u‐Bilame kusasa, wabopa iqwaṙashekazi lake, wahamba nenkosana zase‐Mowabi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka uBhileham kusasa, wayibopha imazi yakhe ye-esile, wahamba nabathetheli abo bakwaMowabhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakusasa uBhileham, wayibopha idonki yakhe, wahamba nabathetheli bakwaMowabhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngentsasa elandelayo ke uBalam wabopha idonki yakhe, wakhwela, wahamba nezo nkokheli zamaMowabhi.