Numbers 22:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Bilame kwiqwaṙashekazi: Ngokokuba udlale ngam; akwaba bendineṙele esandleni sam! ngokuba kaloku ndinge ndikubulala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uBhileham kwiesile, Kungokuba ufekethe ngam; akwaba bendiphethe ikrele ngesandla sam; inene, ngendikubulele ngoku!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uBhileham kwiesile, Undiqumbisile nje, ukuba bendiphethe umkhonto esandleni sam, inene, ndithanda ukukubulala ngoku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhalam waphendula wathi: “Kungoba uyandibhanxa! Ndiswele nje ikrele, ngendikubulele.”