Numbers 22:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lati iqwaṙashekazi ku‐Bilame: Andililo iqwaṙashekazi lako na, okweleyo pezu kwalo kuseloko ubuko kwada kwanamhla nje? ndike ndaqela ukwenje njalo na kuwe? Wayesiti: Hai.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe? Wathi, Hayi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lathi iesile kuBhileham, Ubukhwele idonki yakho na, kususela kwakho oko unanamhla? Ngaba ndakha ndakwenza oko kuwe?” Wathi: “Hayi!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Idonki yaphendula yabuza yathi: “Andithi na kanene ndiyidonki yakho, le yasoloko ikuthwala bonke ubomi bakho? Ke, kukangaphi ndikuphatha ngolu hlobo?” UBhalam waphendula wathi: “Zange nakanye.”