Numbers 22:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati kuye ingelosi kayehova: Yinina ukuba ulibetile iqwaṙashekazi lako lamaxesha omatatu? bona ke, ndipumile ndibe ngumalane, ngokuba igwenxekile indlela yako pambi kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Ulibethele ntoni na iesile lakho la maxesha mathathu? Yabona, kuphume mna ukuza kukuchasa; ngokuba ekuboneni kwam le ndlela iseyelisela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Ulibethele ntoni na iesile lakho izihlandlo ezithathu? uyabona, ndiphumele kulwa nawe; ngokuba indlela yakho imbi emehlweni am.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isithunywa sabuza sathi: “Ubuyibethela ntoni kangaka le donki yakho kude kube kathathu? Ndize kukunqanda, kuba uzifaka engozini ngolu hambo.