Numbers 22:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Bilame wati kuyo ingelosi kayehova: Ndonile, ngokuba bendingakwazi ukuba uzimisile ngakum endleleni; ngako kaloku, ukuba kubi emehlweni ako, sendiya kubuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uBhileham kwisithunywa sikaYehova, Ndonile, kuba bendingazi ukuba wena uze kundimela endleleni; ngoku, ukuba kubi emehlweni akho, ndobuya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uBhileham kwisithunywa sikaYehova, Ndihlulekile; kuba bendingazi ukuba umi endleleni ngokundichasa; ndiphinde ndibuyele kuwe ukuba awundithandi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhalam waphendula wathi: “Hayi, ndonile. Bendingaqondi ukuba uxabile endleleni yam, kambe ke ngoku xa ubona ukuba akufanelekanga ukuba ndihambe, ndiyajika, ndiyagoduka.”