Numbers 22:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko ingelosi kayehova yati ku‐Bilame: Hamba nawo amadoda la; kodwa elozwi ndiya kuliteta kuwe, elona uya kuliteta kupela. Waza u‐Bilame wahamba nenkosana zika‐Balaki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sathi isithunywa sikaYehova kuBhileham, Hamba namadoda lawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze uthethe lona lodwa.Wahamba ke uBhileham nabathetheli bakaBhalaki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sathi isithunywa sikaYehova kuBhileham, Hamba naloo madoda; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze uthethe lona lodwa. uBhileham wahamba nabathetheli bakaBhalaki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke sona isithunywa sathi kuye: “Hayi, sowuhamba nala madoda; kodwa ke uze uthethe loo nto ndithi thetha yona.” Ngoko ke uBhalam wahamba nazo iinkokheli zakwaBhalaki.