Numbers 22:38 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Bilame ku‐Balaki: Bona ke, ndize kuwe nje, ndingaka ndibe namandla okuteta into na? ilizwi alibekayo uyehova emlonyeni wam, lelo ndiya kuliteta.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uBhileham kuBhalaki, Uyabona, ndifikile kuwe;ndinako na ke ngoku ukuthetha into eyiyo? Ilizwi alibekayo uThixo emlonyeni wam, ndiya kuthetha lona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uBhileham kuBhalaki, Yabona, ndifikile kuwe; ndinawo amandla othetha nto ngoku? ilizwi aya kulibeka emlonyeni wam uThixo, ndiya kuthetha lona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhalam waphendula wathi: “Andithi na kaloku ndizile? Kambe ke gunya lini endinalo? Hayi kaloku, ndothetha loo nto athi mandiyithethe uThixo.”