Numbers 22:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kauze ke ngoko, undiqalekisele ababantu, ngokuba bona bendigqitisile ngamandla; kungati ndingaba namandla okuba sibabete, ndize ndibagxote elizweni: ngokuba ndisazi ukuba lowo umtamsanqelisayo uya kutanyusanqeliswa, nokuba lowo umqalekisayo uya kuqalekiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khawuze ke, undiqalekisele aba bantu, ngokuba banamandla kunam; mhlawumbi ndingaba nako ukubabulala, ndibagxothe kweli lizwe; ngokuba ndiyazi ukuba omsikelelayo usikelelwe, omqalekisayo uqalekisiwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiza, undisindise aba bantu; ngokuba banzima kunam; mhlawumbi ndiya koyisa, ukuze sibe nokuboyisa kwaye sibagxothe ehlabathini; ngokuba ndiyazi ukuba osikelelayo usikelelwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokwamanani bangaphezu kwethu; ngoko ke nceda uze kubaqalekisa. Mhlawumbi xa ubaqalekisile singanako ukuboyisa, sibadudule baphume kweli lizwe. Kaloku ndiyazi ukuba xa uthe wabathamsanqela abantu, bayathamsanqeleka; ukanti xa uthe waqalekisa, abantu bahlelwa lishwangusha.”