Numbers 22:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza besuka abadala bama‐Mowabi nabadala bama‐Midiyane, benemilandu yokulaula ezandleni zabo; bada bafika ku‐Bilame, bateta kuye amazwi ka‐Balaki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ahamba ke amadoda amakhulu akwaMowabhi, namadoda amakhulu akwaMidiyan, eneenkozo zokuvumisa ezandleni zawo, aya kuBhileham, athetha kuye amazwi kaBhalaki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko izikhulu zakwaMowabhi nezikhulu zakwaMidiyan zahamba nomvuzo wokuvumisa ezandleni zazo; beza kuBhileham, bamxelela amazwi kaBhalaki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zasuka ke iinkokheli zamaMowabhi nezamaMidiyan zahamba ziphethe intlawulo kaBhalam. Zakufika kuye zawugqithisa umyalezo kaBhalaki.