Numbers 22:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kubo: Lalisani apa obubusuku, ndandiya kuzisa impendulo kuni, njengokuba uyehova eya kunditetela. Zaza inkosana zase‐Mowabi zahlala no‐Bilame.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuwo, Lalani apha ngobu busuku; ndoninika ilizwi, njengoko uYehova aya kuthetha kum. Bahlala ke abathetheli abo bakwaMowabhi noBhileham.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuwo, Lalani apha ngobu busuku; ndoninika ilizwi, njengoko uYehova aya kuthetha kum; Bahlala ke abathetheli bakwaMowabhi noBhileham.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhalam wathi kuwo la madoda: “Lalani. Mna ndonazisa ngomso into endiyixelelwe *nguNdikhoyo.” Ngenene ke amatshawe amaMowabhi alala apho kwaBhalam.