Numbers 23:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina ongabalayo utuli lwakwa‐Yakobi, nenani lesesine isiqingata sakwa‐Sirayeli? Mandife mna ngokufa kwabalungileyo, nokwasemva kwam makube njengokwake!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na ongalubalayo uthuli lwakwaYakobi, Nesahlulo sesine sakwaSirayeli ngokwenani? Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye, Ukuphela kwam kube njengokwabo!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na ongalubalayo uthuli lwakwaYakobi, Nesahlulo sesine sakwaSirayeli ngokwenani? Mandife ukufa kwelungisa, Libe njengelalo ikamva lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izizukulwana zikaYakobi yintlaninge njengentlabathi. Ngubani ke ongamcukucezayo ambale uSirayeli? Hayi bo! Masendisifa ukufa kwelungisa. Ewe, isiphelo sam masibe njengesabakhe.”