Numbers 23:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Bilame ku‐Balaki: Hlala umi wena ngasedinini lokutshiswa lako, ndandiya kuhamba mna; kungati umhlaumbi uyehova woza ukundihlangabeza: nento asukuba eya kundibonisa yona, ndoyityela kuwe. Waza waya endulini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uBhileham kuBhalaki, Yima wena ngasedinini lakho elinyukayo, ndihambe mna; mhlawumbi uYehova woza kundihlangabeza, nelizwi asukuba endibonisa lona ndokuxelela ke. Waya eluqhayini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uBhileham kuBhalaki, Yima emlilweni wakho, ndihambe mna; mhlawumbi uYehova wondichasa; Wenyuka ke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhalam ke washiya uBhalaki kuloo ndawo, wathi kuye: “Yima ngakweli dini litshiswayo, ngeli lixa mna ndiza kukhe ndithi gu. Mhlawumbi *uNdikhoyo uza kudibana nam. Ndiya kukwazisa nasiphi na isityhilelo andinika sona.” Wahamba ke, wenyuka inkqantosi yenduli.