Numbers 23:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka wabuya waya kuye; kekaloku nankuya emi ngasedinini lokutshiswa lake, yena, nazo zonke inkosana zase‐Mowabi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya waya ke kuye. Nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, yena nabathetheli bonke bakwaMowabhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuyela ke kuye, emi phambi kwedini lakhe elinyukayo, yena nabathetheli bonke bakwaMowabhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekubuyeni kwakhe ke wamfumana uBhalaki esemi apho ngakwidini elitshiswayo, enezo nkokheli zamaMowabhi.