Numbers 23:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndisengcopo yamawa ndimbona, ndisezindulini ndimkangela: bona ke, abantu abo baya kuhlala bodwa, abayi kuzibala pakati kwentlanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba, ndisencotsheni yamawa, ndiyambona; Ndisezindulini, ndibonisela yena. Yabona, ngabantu abahlala bodwa, Ababalelwa phakathi kwazo iintlanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ndiyambona, ndisencotsheni yamawa, ndisezindulini, ndiyambona; yabona, iintlanga ziya kuhlala zodwa, angabalwa phakathi kweentlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku nanko ndimbona ndisencochoyini yeentaba; nanko ndimbukele ndiphezu kweenduli. Ewe, luhlanga olungumth' uzimele; lona aluzibandakanyi nezinye izizwe.