Numbers 24:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yavuta ingqumbo ka‐Balaki ngakuye u‐Bilame, wenza intlombe ngezandla; waye u‐Balaki esiti ku‐Bilame: Bendikubiza ukuba uziqalekise intshaba zam, kanti, bona ke, ugqibele ukuzitamsanqelisa lamaxesha omatatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavutha umsindo kaBhalaki kuBhileham, wazityhwakraza izandla zakhe, wathi uBhalaki kuBhileham, Ndikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam; nanku, umana ukuzisikelela ezi zihlandlo zozithathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavutha umsindo kaBhalaki kuBhileham, waqhwaba izandla; Wathi uBhalaki kuBhileham, Ndikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam, nanku, uzisikelele izihlandlo zazithathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uBhalaki wabhabhazela ngumsindo, wabetha ngenqindi phantsi, wathi kuBhalam: “Ndakulanda ukuba uze kuqalekisa iintshaba zam, kodwa ngoku kude kwakathathu uzithamsanqela!