Numbers 24:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, sabela endaweni yako: bendite ndiya kukwenzela imbeko enkulu; kodwa, bona ke, uyehova ukunqandile embekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khwelela ngokunje, uye endaweni yakho. Bendithe ndokuzukisa kakhulu; yabona uYehova ukuvimbile uzuko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, balekela ekhayeni lakho; ndikhumbule ukukuzukisa kakhulu; yabona, uYehova uyalucekisa uzuko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yini le! Chitheka; goduka! Ndathembisa ukuba ndiya kukuvuza ungakrokri, kambe ke lo Ndikhoyo ukwalele ukuba uwufumane loo mvuzo.”