Numbers 24:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakaloku, bona ke, ndiya ebantwini bam: yiza, ndokushumayeza oko abantu aba baya kukwenza kubantu bako emihleni yasemva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku yabona, ndiyahamba, ndiya ebantwini bakowethu. Yiza ndikutyele into abaya kuyenza aba bantu kubantu bakho ngemihla yokugqibela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku yabona, ndiyahamba, ndiya ebantwini bakowethu; yiza ke, ndikuxelele okuya kukwenza olu hlanga kuhlanga lwakho ekupheleni kwemihla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoku ndiyagoduka; ndiya kwabakowethu. Kodwa ke, phambi kokuba ndihambe, ndifuna ukukhe ndikulumkise ngento aya kuyenza uSirayeli kubantu bakho.”