Numbers 24:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiya kumbona, kungengoku kodwa; ndiya kumkangela, kungekufupi kodwa: kuya kuvela inkwenkwezi kwa‐Yakobi, kwovuka intonga kwa‐Sirayeli; eya kuwatyumza amacala omabini ase‐Mowabi, ilucite lwonke usapo lwembutumbutu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyayibona, kungekhona ngoku, Ndiyikhangele, ingekufuphi.Inkwenkwezi iphuma kwaYakobi; Intonga ivela kwaSirayeli, Iwaphaluse amaMowabhi emacaleni omabini, Ibagombe bonke abengxolo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kumbona, kungekhona ngoku; Ndiya kumbona, kodwa kungekhona kufuphi; inkwenkwezi iya kuvela kwaYakobi, ivele intonga kwaSirayeli, ibethe eziphelweni zikaMowabhi, noonyana bonke bakaSete.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ndiyambona; nankuya phambili phaya. Ndiyamalama, umgama, phambili qelele. Ndibon' inkwenkwez' iphuma kwaYakobi; ndiwujongile umsimbithi usithi thaphu kwaSirayeli. Uya kuzintlekez' iinkokheli zikaMowabhi, abafohloz' oonyana bakaSeti.