Numbers 24:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa abebona u‐Amaleki, wandula wapimisela umzekeliso wake, wati: Usisiqalo sentlanga u‐Amaleki, kodwa ukupela kwake woda atshabalale.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawabona ama-Amaleki, wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Ingqalo yeentlanga nguAmaleki; Isiphelo sakhe sikukutshabalala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye xa wabona uAmaleki, wathabatha umfanekiso wakhe waza wathi: uAmaleki wayengowokuqala phakathi kwezizwe; kodwa isiphelo sakhe siya kutshabalala ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhalam wabona nama-Amaleki, waza wathetha kwavokotheka wathi: “UAmaleki fudula elelona hlanga lomeleleyo, kambe ke ekugqibeleni uya kutshabalala kuthi tu!”