Numbers 25:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
u‐Finehasi, unyana ka‐Elezari, unyana ka‐Arone umperisite, ubuyisile umsindo wam elusatsheni luka‐Sirayeli, ekubeni abenekwele ngekwele lam pakati kwalo, ukuba ndandingagqibelanga usapo luka‐Sirayeli ngekwele lam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, ububuyisile ubushushu bam koonyana bakaSirayeli, ekukhweleteni kwakhe njengekhwele lam phakathi kwabo, ukuze ndingabagqibi oonyana bakaSirayeli ngekhwele lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron, umbingeleli, wawususa umsindo wam koonyana bakaSirayeli, ekukhweleteni kwakhe ngam, ukuze ndingabatshabalalisi oonyana bakaSirayeli ngekhwele lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngenxa yale nto yenziwe nguPineyasi, umsindo wam uthothile ngakumaSirayeli. Kaloku yena ngenxa yenzondelelo yakhe usiphuhlisile isidima sam ebandleni, ndaza ke ngoko andalitshabalalisa.