Numbers 25:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Tabata bonke abazintloko zabantu, ubaxo̔me pambi kwoyehova ngaselangeni, ukuze kubuyiswe ubushushu bengqumbo kayehova ko‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Thabatha bonke abaziintloko zabantu, ubabethelele abanetyala emnqamlezweni kuYehova phambi kwelanga, kubuyiswe ukuvutha komsindo kaYehova kumaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Thabatha bonke abaziintloko zabantu, ubaxhome phambi koYehova, phezu kwelanga, ukuze ubuye umsindo kaYehova kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza wathi kuMosis: “Thatha iinkokheli zamaSirayeli, uzibulale, uzixhome esidlangalaleni phambi *kwesibingelelo, khon' ukuze udambe umsindo wam ngakumaSirayeli.”