Numbers 25:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku, bona ke, omnye waselusatsheni luka‐Sirayeli weza wamsondeza kubazalwana bake um‐Midiyanekazi, emehlweni ka‐Mosesi, nasemehlweni ayo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, nxa bebelila bona emnyango wentente yentlangano.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabonakala ke indoda yakoonyana bakaSirayeli, ifika isondeza kubazalwana bayo umMidiyanekazi emehlweni kaMoses, nasemehlweni ebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ababelila emnyango wentente yokuhlangana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza ke omnye woonyana bakaSirayeli, wamzisa umMidiyanekazi kubazalwana bakhe emehlweni kaMoses, nasemehlweni ebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ababelila phambi komnyango wentente yakwaSirayeli ibandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Omnye umSirayeli wathatha umMidiyanikazi, wangena naye kwakhe, ebonwa nguMosis nangamaSirayeli ephela, ngexesha awayesazilile esesangweni lesibingelelo.