Numbers 26:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wada umhlaba wavula umlomo wawo, wabaginya bona no‐Kora, kwakububa imbuto leyo, okuya umlilo wadlayo amadoda angamakulu mabini anamashumi mahlanu, aza aba ngumqondiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
waza umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya noKora ekufenikwelo bandla, ekudleni komlilo amadoda angamakhulu omabini, anamanci mahlanu, aba ngumqondiso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabatshisa kunye neKore ekufeni kwesihlwele, ekutshatyalalisweni komlilo amadoda angamakhulu amabini anamanci mahlanu, aba ngumqondiso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku umhlaba wavuleka wabaginya, baza bafa kunye noKora nabalandeli bakhe abatshatyalaliswa ngumlilo bengamakhulu amabini namashumi amahlanu amadoda. Ke bona baba sisilumkiso kumaSirayeli.