Numbers 26:54 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abo baninzi uya kubandisela ilifa labo, nabo bancinane uya kubancipisela ilifa labo; ngento elingana nababalweyo babo baya kunikwa ilifa labo abanye ngabanye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Esininzi wolenza lininzi ilifa laso, esincinane wolenza lincinane ilifa laso; eso sinikwe ilifa ngokwababalwayo kuso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abaninzi wobanika ilifa labaninzi, abambalwa nobanika ilifa elincinane; elowo uya kunikwa ilifa lakhe, njengoko babalwayo ngako.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umzi obanzi ilifa lawo malibe likhulu, elomzi onganeno libe nganeno. Umzi ngamnye uya kufumana ilifa lawo ngokwenani lababhaliweyo.