Numbers 26:63 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aba bangabo babalwayo ngu‐Mosesi no‐Elezari umperisite, ababala usapo luka‐Sirayeli ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngabo abo babalwayo nguMoses noElazare umbingeleli, ababebabala oonyana bakaSirayeli ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngabo abo ababhaliswayo nguMoses noEleyazar umbingeleli owabalayo oonyana bakaSirayeli emathafeni akwaMowabhi ngaseYordan ngaseYeriko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le ke yimizi eyadweliswa nguMosis noElazare xa babesenza ubalo lwamaSirayeli kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.