Numbers 27:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWANDULA kwasondela intombi zika‐Tselofehadi, unyana ka‐Hefere, unyana ka‐Gileyadi, unyana ka‐Makire, unyana ka‐Manase, kuzo izizalwane zika‐Manase, unyana ka‐Josefe: namagama entombi zake ngawo la: ngu‐Mahala, n o‐Noha, no‐Hogela, no‐Mileka, no‐Tiretsa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zasondela iintombi zikaTselofehadi, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, zomzalwane kaManase, unyana kaYosefu. Ngawo ke la amagama eentombi zakhe ezo: uMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zangena iintombi zikaTselofehadi, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMagire, unyana kaManase, zendlu kaManase, unyana kaYosefu; ngawo la amagama eentombi zakhe; uMagla, uNowa, uHogla, uMilka, noTirsa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMala, uNowa, uHogela, uMilika, noTiza, ziintombi zikaZelofehadi unyana kaHefere, kaGiliyadi, kaMakire, kaManase. Ngoko ke ziintombi zakwaManase unyana kaJosefu.