Numbers 27:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waeya kuma pambi kwo‐Elezari umperisite, oya kumbuzela ngokugweba kwe‐Urime ebusweni bukayehova: ngelizwi lake baya kupuma, nangelizwi lake baya kungena, yena, nalo lonke usapo luka‐Sirayeli kunye naye, kwa yonke intlanganiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Maze eme phambi koElazare umbingeleli, yena ambuzele ukugweba kweeUrim phambi koYehova, baphume ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye, nebandla lonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuma phambi kombingeleli uEleyazare, aze yena abuze kuye ngokwesiko leUrim phambi koYehova; Bophuma ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli, nebandla lonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uya kuxhomekeka kumbingeleli uElazare, kuba kaloku yena intando yam uya kuyaziswa *ziiurim neethumim. Ngale ndlela baya kubhexeshwa nguElazare kuyo yonke imicimbi yabo.”