Numbers 27:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wenza u‐Mosesi njengokuba uyehova ebemyalele: wayetabata u‐Yoshuwa, wammisa ebusweni buka‐Elezari umperisite, nasebusweni bayo yonke intlanganiso;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza ke uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho.Wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza uMoses ngoko uYehova wamwisela umthetho ngako; wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koElazare umbingeleli naphambi kwebandla lonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uMosis wenza ngokomyalelo kaNdikhoyo. UYoshuwa wammisa phambi kombingeleli uElazare ndawonye nebandla loonyana bakaSirayeli.