Numbers 27:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubawo wafela entlango, waye yena engeko pakati kwembuto yabo ababezihlanganisela ngakuye uyehova embutweni ka‐Kora; kodwa wafa ngesake isono, engabanga nabo onyana ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubawo wafela entlango; yena wayengekho phakathi kwebandla labahlanganayo ngoYehova ebandleni likaKora; ngokuba wafa ngesakhe isono, engabanga nanyana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubawo wafela entlango, akakho eqeleni lababehlanganisene kuYehova kwiqela lamaKore; kodwa wafa esonweni sakhe, engenanyana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zafika zathi: “Utata wafela entlango engazalanga nyana. Akadibananga neqela likaKora elavukela *uNdikhoyo, koko yena wafela isono sakhe.