Numbers 3:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nababalweyo bawo, ngombalo wawo onke amadoda abudala buyinyanga nye nobupezulu, bebengamawaka matandatu anamakulu mabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ababalwayo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamawaka amathandathu, anamakhulu mabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ababhaliswayo ngenani lawo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye ukuya phezulu, baba ngamawaka amathandathu, anamakhulu mabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bebonke ke abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu abâbhaliswáyo babengamawaka amathandathu namakhulu amabini.