Numbers 3:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Nadabi no‐Abihu bafa ebusweni bukayehova, bakunikela umlilo wasemzini pambi kwoyehova, entlango ye‐Sinai, bengenabo abantwana; kanti u‐Elezari no‐Yitamare bakonza ngobuperisite ebusweni buka‐Arone uyise wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koYehova, ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova, entlango yaseSinayi;ababa nanyana bona. Baba ngababingeleli ooElazare noItamare ebusweni buka-Aron uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koYehova ekusoseni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova, entlango yaseSinayi; yaye uEleyazare noItamare baba ngababingeleli emehlweni ka-Aron uyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke bona ooNadabhi noAbhihu bafela apho kwintlango yeSinayi, ngenxa yokuba benikele ngomlilo ongafanelekanga kuNdikhoyo. Babengekabi nabantwana, ngoko ke uElazare noItamare baba kumsebenzi wobubingeleli ngexesha lika-Aron.