Numbers 3:40 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Bala onke amazibulo engamadoda pakati kwosapo luka‐Sirayeli, abudala buyinyanga nye nobupezulu, ulibale inani lamagama awo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Wabale onke amazibulo ento eyindoda koonyana bakaSirayeli, ethabathela kunyana onyanga-nye anyuse, uthabathe inani lamagama awo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Wabale onke amazibulo ento eyindoda koonyana bakaSirayeli, uthabathele konyanga-nye unyuse, ubhale inani lamagama awo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi kuMosis: “Onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli ngawam. Ngoko ke wabhalise onke amazibulo angoonyana bamaSirayeli abudala buyinyanga nangaphezulu. Kambe ke endaweni yawo ndibanga bonke abaLevi – ndinguNdikhoyo kaloku! Ngokunjalo nasendaweni yamazibulo eenkomo zamaSirayeli ndibanga zonke iinkomo zabaLevi.”