Numbers 30:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
yaza yeva indoda yake, kanti yona yati cwaka ngakuye, ingamalelanga; ziya kwandul’ ukuma zonke izibambiso zake, nazo zonke izinxibo zake awunxibileyo umpefumlo wake ngazo ziya kuma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yeva indoda yakhe, yathi cwaka kuye, ayamthiba, mazime zonke izibhambathiso zakhe; makume ukuzikhanyeza kwakhe, abophe ngako umphefumlo wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yakuva indoda yakhe, yathi cwaka kuye, akamvumela; emva koko zonke izibophelelo zakhe ziya kuqina, kwaye zonke izibophelelo azenzileyo, ziya kuqina.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
yaza yathi yakuyiva loo nto indoda yakhe ayathetha nto, ayasichasa eso sithembiso okanye isifungo, uya kunyanzeleka ukuba asifezekise.