Numbers 30:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba indoda yake yagqibela ukuzitshabalalisa emhleni wokuva kwayo, konke okupumileyo emlonyeni wake ngezibambiso zake, nangokunxitywa kwompefumlo wake, akuyi kuma; indoda yake izitshabalalisile, waye uyehova eya kumxolela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ithe indoda yakhe yakwaphula mpela ngomhla wokuva kwayo, yonke into ephume emlonyeni wakhe ngezibhambathiso zakhe, nangokuzikhanyeza komphefumlo wakhe, mayingemi; indoda yakhe iyaphule, uYehova womxolela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ukuba indoda yakhe ithe yasitshabalalisa, mhla yakuva ngaso; ngoko okuphuma emlonyeni wakhe malunga nokuzibophelela kwakhe okanye malunga neqhina lomphefumlo wakhe akuyi kubakho; indoda yakhe yayisitshabalalisa; uYehova uya kumxolela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ukuba ithe yakusiva eso sifungo indoda yakhe yasichasa, soba sitshitshisiwe eso sithembiso okanye isifungo, kuba kaloku indoda yakhe imalele ukuba asifezekise; ngoko ke noNdikhoyo uya kumxolela.