Numbers 30:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba indoda yake iyagqibela ukuti cwaka ngakuye kwimihla ngemihla, iyandula imise zonke izibambiso zake, umhlaumbi zonke izinxibo zake, ezipezu kwake: imisile zona, ngokokuba yati cwaka ngakuye emhleni wokuva kwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba indoda yakhe ithe cwaka, yathi tu kuye imihla ngemihla, iyazimisa zonke izibhambathiso zakhe, nokuzikhanyeza kwakhe konke okuphezu kwakhe iya kukumisa; ngokuba yathi cwaka kuye ngomhla wokuva kwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba indoda yakhe ithe cwaka kuye yonke imihla, woba siso oko; kulapho aqinisekisa khona zonke izibophelelo zakhe, okanye zonke izibophelelo zakhe eziphezu kwakhe; uyaziqinisa, ngokuba wayelele naye ngalaa mini wayivayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ke indoda leyo ithe yakuva ngeso sifungo yathatha ithuba ingathethi nto, yoba iyasixhasa eso sithembiso okanye isifungo azibophe ngaso umfazi wayo; ewe, yoba isixhasile xa ingathethanga nto yakuba ivile ngaso.