Numbers 30:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba uyise walela yona emhleni wokuva kwake, zonke izibambiso zayo, nezinxibo zayo iwunxibileyo umpefumlo wayo ngazo, aziyi kuma; kodwa uyehova woyixolela, ngokuba uyise eyalele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba uthe uyise wayithiba ngomhla wokuziva kwakhe izibhambathiso zayo zonke, nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, akuyi kuma; uYehova woyixolela, ngokuba eyithibile uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uyise uthe wamshiya ngomhla wokuva kwakhe oko; ukuba angabi nasinye kwizifungo zakhe azifungeleyo; uYehova womxolela, ngokuba ethe wamwisela umthetho ngako uyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke xa athe akuva ngale nyewe uyise, wala ukuba isifezekise eso sithembiso, ayisabophelelekanga kuso. UNdikhoyo uya kuyixolela, kuba yalelwe nguyise ukuba mayisifezekise.