Numbers 30:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba emhleni wokuva kwayo indoda yayo yalela yona, iya kwandula itshabalalise isibambiso sayo esibe sipezu kwayo, nokupimisela kwomlomo wayo, iwunxibileyo umpefumlo wayo ngako; ati uyehova ayixolele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba indoda yayo ithe yayithiba ngomhla wokuva kwayo, yasaphula isibhambathiso sayo esiphezu kwayo, nokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayo ngako: uYehova woyixolela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ithe indoda yakhe yamnqanda ngomhla eyakuva ngayo oko; mayenze isibhambathiso kumkayo, ekuthethileyo ngomlomo wayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, ekuyikhanyeni; uYehova uya kumxolela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke ukuba ithe yakuva ngesi sifungo indoda yayo yasichasa eso sifungo okanye isithembiso, siya kuba sitshitshile; futhi ke xa kunjalo noNdikhoyo uya kuyixolela.