Numbers 31:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wateta ebantwini, esiti: Manixo̔bele ukulwa inxenye kuni ningamadoda, aze aye ngakuwo ama‐Midiyane, enze impindezelo kayehova pezu kwama‐Midiyane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha ke uMoses ebantwini, esithi, Makuxhobe amadoda kuni, aphume umkhosi aye kumaMidiyan, enze impindezelo kaYehova kumaMidiyan;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha uMoses ebantwini, wathi, Zilungiseleni imfazwe, niwaxabele amaMidiyan, nixele kuYehova wakwaMidiyan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uMosis wayalela amaSirayeli, wathi: “Xhobisani amadoda omkhosi ukuze ahlasele amaMidiyani, aphindezele ngenxa kaNdikhoyo.