Numbers 31:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuso isiqingata sosapo luka‐Sirayeli wotabata isahlulo sibe sinye sicatshulwe emashumini mahlanu, kubo abantu, kuzo inkomo, kuwo amaqwaṙashe, nakuzo igusha, kuzo zonke izilo, uzinike kuba‐Levi, abagcinayo isigcinelo setabanakele kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Esiqingatheni soonyana bakaSirayeli wothabatha ibe nye, ekhethiweyo emashumini amahlanu kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane, nakuwo amaqegu onke, unike abaLevi abagcina isigxina somnquba kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Esiqingatheni soonyana bakaSirayeli wothabatha ibe nye, ibe nye, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuwo amaesile, nakuzo iinkomo, kuzo zonke iindidi zeenkomo, uzinike abaLevi abaluse impahla emfutshane inkonzo yomnquba kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kwisahlulo samaSirayeli thathani libe linye kumabanjwa angamashumi amahlanu, niqhube kwangaloo mlinganiselo ke nakwimfuyo. Ezi zinto ke zona zinikeni abaLevi abo balusa *isibingelelo.”