Numbers 31:47 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwa kuso isiqingata sosapo luka‐Sirayeli, watabata u‐Mosesi isahlulo sasinye sicatshulwe emashumini mahlanu, kubo abantu nakuzo izilo, wazinika kuba‐Levi, abagcinayo isigcinelo setabanakele kayehova, njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wacaphula uMoses esiqingatheni soonyana bakaSirayeli into ekhethiweyo, yanye emashumini omahlanu ebantwini, nasezinkomeni, wazinika abaLevi, abagcina isigxina somnquba kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wacaphula uMoses esiqingatheni soonyana bakaSirayeli into emashumi mahlanu, ebantwini nasezinkomeni, wazinika abaLevi ababesebenza ententeni kaYehova; njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwesi sahlulo ke uMosis wathatha lalinye kumashumi amahlanu amabanjwa, ngokunjalo nakwimfuyo, wanika abaLevi ababesalusa isibingelelo ngokwelizwi likaNdikhoyo.