Numbers 32:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenyaniso lamadoda abepuma e‐Jipete, aminyaka ingamashumi mabini napezulu ubudala bawo, akasayi kubona elozwe endifungile ngalo ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi; ngokuba engakolisanga ukundilandela:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndobona ukuba okha awubone amadoda anyukayo eYiputa, athabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe enyusa, umhlaba endawufungela uAbraham noIsake noYakobi, kuba engakuzalisanga ukundilandela;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba akuyi kulibona nalinye kuloo madoda anyukayo ephuma eYiputa, ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, anyuse, ilizwe endalifungela uAbraham noIsake noYakobi; ngenxa yokuba bengandilandeli ngokupheleleyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Ngenxa yokuba bengakholosanga ngam, kula madoda akwiminyaka emashumi mabini nangaphezulu aphuma eJiputa akukho nanye iya kungena kwelo lizwe ndabathembisa ngalo ooAbraham, uIsake, noYakobi.’