Numbers 32:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ingqumbo kayehova yavuta ngako‐Sirayeli, waza wabadungudelisa entlango iminyaka yamashumi mane, kwada kwagqityelwa sonke esosizukulwana esibe senzile okukohlakeleyo emehlweni kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawabhadulisa entlango iminyaka emashumi mane, sada sagqitywa sonke isizukulwana, esaye senze ububi emehlweni kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavutha umsindo kaYehova koonyana bakaSirayeli, wawabhadulisa entlango iminyaka emashumi mane, sada satshabalala sonke isizwe, ebesenza okubi emehlweni kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo ke wakhathazeka, waza amaSirayeli wawabhadulisa entlango isithuba seminyaka engamashumi amane, sada safa saphela eso sizukulwana sasimonile.