Numbers 32:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni nibuyayo emva kwake, uya kwandula apinde kanjako ukubasalisa entlango; naniya kutshabalalisa bonke abantu aba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa nithe nabuya ekumlandeleni, wophinda kanjalo abasalise entlango nibonakalise ke aba bantu bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa nithe natyeka kuye, wophinda abasalise entlango; yaye uya kulutshabalalisa olu hlanga luphela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nani ke, maRubhen namaGadi, ukuba niyala ukunamathela kuye ngoku, uya kuphinda awalahle entlango amaSirayeli, ize ke intshabalalo yawo ibe yimhemhe yenu.”