Numbers 32:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa tina siya kukauleza ukuxo̔ba, siye pambi kwosapo luka‐Sirayeli, kude kube kokuya siluzisileyo endaweni yalo; kanti abantwana betu baya kuhlala ezixekweni ezinqatyisiweyo, ngenxa yabemi belizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke thina siya kukhawuleza sixhobe, sihambe phambi koonyana bakaSirayeli, side sibaseendaweni yabo; usapho lwethu luhlale emizini enqatyisiweyo, ngenxa yabemi balo ilizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke thina siya kuphuma sixhobile, sihambe phambi koonyana bakaSirayeli, side sibaseendaweni yabo; nabantwana bethu abancinane baya kuhlala kwizixeko ezikhuselekileyo ngenxa yabemi behlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sizimisele ukuxhoba siwakhokele amawethu emadabini, siwancedise ade awume loo mhlaba uza kuba ngowawo. Ke zona iintsapho zethu siya kuzishiya zihleli kwiidolophu ezinqatyisiweyo, zingabi nakuchukunyiswa ngabantu beli lizwe.