Numbers 32:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanti izicaka zako ziya kuwela, zonke zixo̔bele ukulwa, pambi kwoyehova ukuya emfazweni, njengokuba inkosi yam itshilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abakhonzi bakho baya kuwela, bonke abomkhosi bexhobele imfazwe phambi koYehova, njengoko inkosi yethu itshoyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke abakhonzi bakho baya kuwela, bexhobele imfazwe, bonke bexhobele imfazwe phambi koYehova, njengoko yathethayo inkosi yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke thina sonke sesilungele ukungena phantsi koNdikhoyo. Soxhoba siyiwele iJordan; siya kulwa emfazweni ngokomyalelo wakho.”